KuTimoti, Iincwadi eziya
Iincwadi ezimbini kwiTestamente eNtsha. Zombini ekuqaleni yayiziileta uPawulos awazibhalela uTimoti.
Timoti wokuQalai
UPawulos wabhala incwadi yokuqala emva kokubanjwa kwakhe kokuqala. Wayethe wamshiya uTimoti e-Efese, enenjongo yokubuyela emva koko (â… Â Tim. 3:14). Nangona, kunjalo uPawulos wathelekelela okokuba wayenokubambezeleka, ke wabhalela uTimoti, mhlawumbi eseMakedoni (â… Â Tim. 1:3), emnika ingcebiso nenkuthazo ekuzalisekiseni umsebenzi wakhe.
Isahluko 1 siqulathe umbuliso kaPawulos kananjalo imiyalelo yakhe ngeentelekelelo zobuyatha ezazifumana indlela yazo yokungena eBandleni. Izahluko 2–3 zinika izikhokelo ngonqulo oluphandle nangesimilo nokuziphatha kwabefundisi. Izahluko 4–5 ziqulathe inkcazelo ngokreqo lwemihla yokugqibela necebiso kuTimoti okokuba angalungiselela njani na abo wayebakhokela. Isahluko 6 sisiyalo sokubonia ukuthembeka nokuphepha ubutyebi behlabathi.
Timoti weSibini
UPawulos wabhala ileta yesibini ngethuba lokubanjwa kwakhe kwesibini, kufutshane nje phambi kofelo-nkolo lwakhe. Iqulathe amazwi okugqibela oMpostile nokubonisa inkalipho engumangaliso nokuthemba awathi wajamelana ngako ukufa.
Isahluko 1 siqulathe umbuliso kaPawulos nomsebenzi kaTimoti. Izahluko 2–3 zinika izilumkiso neenkcazelo ezahlukeneyo, nomceli-mngeni wokujonga neengozi kwangaphambili. Isahluko 4 singumyalezo oya kubahlobo bakaPawulos, oqulathe icebiso lokuba ukreqo lungaphathwa kanjani.