Yoshuwa
Ngumprofeti weTestamente eNdala nenkokeli, nomlandeli kaMoses. Wazalelwa eYiputa phambi kokuba abantwana bakaSirayeli babaleke (Num. 14:26–31). Yena noKhalebhi babephakathi kweentlola ezilishumi elinesibini ezathunywa eKanan. Bona bebodwa banika ingxelo elungileyo yelizwe (Num. 13:8, 16–33; 14:1–10). Wafa kwiminyaka ye-110 (Yosh. 24:29). UYoshuwa wayengumzekelo omkhulu womprofeti ongumlwi ongazenzisiyo.
Incwadi kaYoshuwa
Le ncwadi ithiywe ngoYoshuwa ngenxa yokuba engumntu oyintloko kuyo kwaye kungeyonxa yokuba wayengumbhali. Izahluko 1–12 zichaza uloyiso lweKanan; Izahluko 13–24 zibalisa ngezizwe zikaSirayeli zisahlula ilizwe neengcebiso zikaYoshuwa zokugqibela.
Iivesi ezimbini eziqaphelekayo kwincwadi kaYoshuwa zingumyalelo weNkosi kuye ekubeni acinge nzulu ngezibhalo (Yosh. 1:8) nobizo lukaYoshuwa aye ebantwini aze athembeke eNkosini (Yosh. 24:15).