Xoka Khangela kanjalo Khohlisa, Nkohliso; Kunyaniseka, Nyaniseka; Kuthetha kakubi Naluphina unxibelelwano lobuxoki okanye olungenanyaniso ngenjongo yenkohliso. Nize ningebi, ningakhanyeli into niyazi, nakuxokisana, Lev. 19:11. Ndikuthiyile ukuxoka kwaye lisikizi kum, IiNd. 119:163. Imilebe exokayo ilisikizi eNkosini, ImiZ. 12:22. Bangabantu bam abangasayi kuxoka, Isaya 63:8. Umtyholi lixoki noyise wobuxoki, Yoh. 8:44 (2 Nif. 2:18; Etere 8:25; Moses 4:4). Akuxoke kubantu, kodwa kuThixo, Izenzo 5:4 (Alma 12:3). Ukuba umntu uthe, ndiyamthanda uThixo, waze wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki, â… Â Yoh. 4:20. Onke amaxoki anesabelo ekufeni kwesibini, Isityh. 21:8 (I&M 63:17). Yeha kuye olixoki, kuba uya kuphoswa ezantsi esihogweni, 2 Nif. 9:34. Abaninzi baya kufundisa imfundiso yobuxoki, besithi: xoka kancinane kwaye akukho bungozi koko, 2 Nif. 28:8–9 (I&M 10:25). Nizicingela ukuba ninganako ukuxokisa iNkosi, Alma 5:17. UnguThixo wenyaniso kwaye akunako ukuxoka, Etere 3:12 (Num. 23:19; â… Â Sam. 15:29; Tito 1:2; Heb. 6:18; Enoshe 1:6). Lowo uxokayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle, I&M 42:21. Amaxoki adla ilifa ubuqaqawuli bethelestiyali, I&M 76:81, 103–106. Sikholelwa ekunyanisekeni, V zoK 1:13.