Uncedo lweZifundo
ZiVumo zoKholo


ZiVumo zoKholo

Amanqaku alishumi elinesithathu asisiseko sokholo amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela azibalela kuwo.

UJoseph Smith kuqala wawabhala kwincwadi eyayisiya kuJohn Wentworth, umhleli weChicago Democrat, emphendula kwisicelo sakhe sokokuba amalungu eBandla akholelwa entweni. Incwadi yaba nokwazeka njengeLeta kaWentworth kwaye yapapashwa kuqala kwiTimes and Seasons ngoMatshi 1842. Ngo-Oktobha 10, 1880, iziVumo zoKholo zamkeleka ngokusemthethweni njengesibhalo ngevoti yamalungu eBandla zaze zabandakanywa njengexenye yePerile yeXabiso eliKhulu.