Uncedo lweZifundo
Habhakuki


Habhakuki

Umprofeti weTestamente eNdala kwaYuda owathetha ngezono zabantu ngethuba lokulawula kukaYehoyakim (malunga 600 P.K.).

Incwadi kaHabhakuki

Isahluko 1 yingxoxo phakathi kweNkosi nomprofeti Wakhe, sifana nezo zikuYeremiya 12 ne IMfundiso neMinqophiso 121. UHabhakuki wayekhathazwa kukuba abakhohlakeleyo babonakala bephumelela. Kwisahluko 2 iNkosi yacebisa uHabhakuki ekubeni nomonde—amalungisa amele ukufunda ukuphila ngokholo. Isahluko 3 sibhala umthandazo kaHabhakuki apho kuwo avuma ubulungisa bukaThixo.