Guquguqula Khangela kanjalo Mthandazo; Sityhilelo Ukucingisisa nokucinga nzulu, rhoqo ngezibhalo okanye ezinye izinto zikaThixo. Xa zidityaniswe nomthandazo, ukuziguquguqula izinto zikaThixo kunokuzisa isityhilelo nokuqonda. UMariya waziguquguqula ezi zinto entliziyweni yakhe, Luka 2:19. Njengoko ndandihleli ndiziguquguqula entliziyweni yam ndaphakanyiselwa kude, 1 Nif. 11:1. Intliziyo yam iguquguqula izibhalo, 2 Nif. 4:15. UNifayi wahamba indlela yakhe, eguquguqula izinto eyathi iNkosi yambonisa, Hil. 10:2–3. Hambani niye emakhayeni enu nize niziguquguqule izinto endithe ndazithetha, 3 Nif. 17:3. Khumbulani indlela ebinenceba ngayo iNkosi, nize niyiguquguqule ezintliziyweni zenu, Moro. 10:3. Guquguqulani izinto enithe nazifumana, I&M 30:3. Xa sacingisisa ngezi zinto, iNkosi yachukumisa amehlo ethu okuqonda, I&M 76:19. Ndahlala egumbini lam ndiguquguqula izibhalo, I&M 138:1–11. Ndacinga ngawo ndiphindaphinda, M—JS 1:12.