Iimpiliso, Philisa Khangela kanjalo Lungiselelo lwemilwelwe (lwabagulayo); Thambisa Ukwenza aphile okanye abesempilweni kwakhona, kunye enyameni nasemoyeni. Izibhalo ziqulathe imizekelo emininzi yeempiliso ezimangalisayo ezenziwa yiNkosi nezicaka Zayo. NdiyiNkosi ekuphilisileyo, Eks. 15:26. UNahaman wazintywilisela kuMlambo iYordan izihlandlo ezisixhenxe waza waphila, Ⅱ OoKum. 5:1–14. Ngemivumbo yakhe siphilisiwe, Isaya 53:5 (Moz. 14:5). ILanga lobulungisa liya kuphuma linophiliso emaphikweni alo, Mal. 4:2. UYesu waphilisa zonke iintlobo zezifo, Mat. 4:23 (Mat. 9:35). Wabanika amandla okuphilisa zonke iintlobo zezifo, Mat. 10:1. Undithume ukuze ndiphilise abantliziyo zaphukileyo, Luka 4:18. Babephiliswa ngamandla eMvana kaThixo, 1 Nif. 11:31. Ukuba uyakholelwa kuyo inkululeko kaKrestu, unako ukuphila, Alma 15:8. Wabaphilisa bonke, 3 Nif. 17:9. Lowo unokholo kum lokuphiliswa uya kuphiliswa, I&M 42:48. Egameni lam baya kuphilisa imilwelwe, I&M 84:68. Siyakholelwa kwizipho zeempiliso, V zoK 1:7.