Banyulwa Abanyulwa ngabo bathanda uThixo ngeentliziyo zabo zonke baze baphile ubomi obukholisekileyo Kuye. Abo baphila ubomi obunjalo bobufundi ngenye imini baya konyulwa yiNkosi babe phakathi kwabantwana Bayo abakhethiweyo. Ukuba bekunokwenzeka, baya kulahlekisa kanye abanyuliweyo, Mat. 24:24. UYohane wavuya ngenxa yabantwana benkosikazi enyuliweyo kuba babenyanisekile kwaye bethembekile, Ⅱ Yoh. 1. Izono zakho zixolelwe wena, kwaye wena uyinkosikazi enyuliweyo, I&M 25:3. Abanyulwa bam beva ilizwi lam baze bangaziqaqadekisi iintliziyo zabo, I&M 29:7. Nangona kunjalo ndiya kubahlanganisa abanyulwa bam kuzo iimbombo zone zomhlaba, I&M 33:6. Izibhalo ziya kunikwa ngenxa yosindiso lwabangabam abanyulwa, I&M 35:20–21. Abo balukhulisayo ubizo lobubingeleli baba ngabanyulwa bakaThixo, I&M 84:33–34. Ngenxa yesizathu sabanyulwa, imihla yenkxwaleko iya kufinyezwa, JS—Mateyu 1:20.