Uncedo lweZifundo
Zibulo


Zibulo

Ngexesha loosolosapho bamandulo, unyana wamazibulo wayefumana ubuzibulo (Gen. 43:33) aze njalo abe yindlalifa yobunkokeli yosapho ekufeni kukayise. Owamazibulo umele ukufaneleka ekuqaleni olu xanduva (Ⅰ IziKr. 5:1–2) kwaye unokuphulukana nobuzibulo bakhe ngokungabi lilungisa.

Phantsi komthetho kaMoses, unyana wamazibulo wayethathwa njengokaThixo. Izibulo lalifumana isabelo esiphindiweyo sezinto zikayise (Dut. 21:17). Emva kokufa kukayise, belinoxanduva lokukhathalela unina walo noodade.

Izibulo eliliduna lezilwanyana kanjalo beliba lelikaThixo. Izilwanyana ezicocekileyo bezisetyeziselwa amadini, ngethuba ezingacocekanga izilwanyana bezinokukhululwa okanye zithengiswe okanye zibulawe (Eks. 13:2, 11–13; 34:19–20; Lev. 27:11–13, 26–27).

Izibulo lalingumqondiso kaYesu Krestu nobulungiseleli Bakhe basemhlabeni, likhumbuza abantu okokuba uMesiya omkhulu uya kuza (Moses 5:4–8; 6:63).

UYesu wayengowamazibulo kubantwana basemoyeni bakaBawo wethu osemaZulwini, engowoKuphela koZelweyo kaYise esenyameni, kwaye ongowokuqala ukuvuka kwelabafileyo eluVukweni (Kol. 1:13–18). AbaNgcwele abathembekileyo baba ngamalungu eBandla lowamaZibulo ephakadeni (I&M 93:21–22).

Shicilela