Buqaqawuli beselestiyali Khangela kanjalo Bomi obungunaphakade; Kuphakanyiswa; Maqondo obuqaqawuli Elona liphezulu lamaqondo amathathu obuqaqawuli umntu anako ukulifikela emva kobu bomi. Apha amalungisa aya kuhlala khona ebusweni bukaThixo uYise noNyana Wakhe uYesu Krestu. Ubuqaqawuli beselestiyali bunye, â… Â Kor. 15:40 (I&M 76:96). UPawulos waxwilelwa kwelesithathu izulu, â…¡Â Kor. 12:2. Ubuqaqawuli beselestiyali babuboniswe embonweni, I&M 76:50–70. Ukuba abaNgcwele banqwenela indawo kwilizwe leselestiyali, bamele ukuzilungiselela, I&M 78:7. Lowo ungenako ukugcina umthetho wobukumkani beselestiyali akanako ukuhlala ebuqaqawulini beselestiyali, I&M 88:15–22. Ebuqaqawulini beselestiyali kukho amazulu amathathu; iinkcukacha zibekiwe zokufikelela kobona buphezulu, I&M 131:1–2. Abantwana abafa phambi kweminyaka yokuziphendulela basindisiwe kubukumkani beselestiyali, I&M 137:10.