Uncedo lweZifundo
Yakobi, unyana kaLihayi


Yakobi, unyana kaLihayi

Umprofeti kwiNcwadi kaMormoni nombhali weentshumayelo ezahlukeneyo kwiincwadi zika 2 Nifayi noYakobi (2 Nif. 6–11; Yakobi 1–7).

Incwadi kaYakobi

Incwadi yesithathu kwiNcwadi kaMormoni. Isahluko 1 sibalisa okokuba uNifayi wagqithisela iimbali kuYakobi waza ngoko wangcwalisa uYakobi nomntakwabo uYosefu ekubeni ngababingeleli nootishala ebantwini. Izahluko 2–4 ziintshumayelo eziyala abantu ekubeni bacoceke ekuziphatheni. UYakobi kanjalo wafundisa ngokuza kukaMesiya okhululayo, kwaye wanika izizathu zokuba kutheni abanye kwaSirayeli bengayi kumamkela ekuzeni Kwakhe. Izahluko 5–6 ziqulathe ubungqina bukaYakobi nomzekelo oprofethayo ngembali nomsebenzi wabantu bakwaSirayeli. Isahluko 7 siqulathe ingxelo ngomvukeli ofundileyo ekuthiwa nguSheremi, owonganyelwa bubungqina obunyulu bukaYakobi.

Shicilela