Bomi obungunaphakade Khangela kanjalo Bomi; Buqaqawuli beselestiyali; Hlawulela, Ntlawulelo; Kuphakanyiswa; Sithsaba Ukuphila ngonaphakade njengeentsapho ebusweni bukaThixo (I&M 132:19–20, 24, 55). Ubomi obungunaphakade sesona sipho sikhulu sikaThixo emntwini. Wena unamazwi obomi obungunaphakade, Yoh. 6:68. Obu bubomi obungunaphakade, ukuze babe nokwazi wena okuphela koThixo oyinene, noYesu Krestu, Yoh. 17:3 (I&M 132:24). Wuzame umzamo omhle wokholo, bubambe ubomi obungunaphakade, â… Â Tim. 6:12. Uluntu lukhululekile ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade, 2 Nif. 2:27 (Hil. 14:31). Ukucinga ngokomoya bubomi obungunaphakade, 2 Nif. 9:39. Nize ke nibe kule ndlela imxinwa ekhokelela kubomi obungunaphakade, 2 Nif. 31:17–20. Ukukholelwa kuKrestu baze banyamezele kude kube sekupheleni bubomi obungunaphakade, 2 Nif. 33:4 (3 Nif. 15:9). Lowo unobomi obungunaphakade usisityebi, I&M 6:7 (I&M 11:7). Ubomi obungunaphakade sesona siphon sikhulu kuzo zonke izipho zikaThixo, I&M 14:7 (Rom. 6:23). Amalungisa aya kuzuza uxolo kweli hlabathi, nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo, I&M 59:23. Abo banyamezela kude kuye ekupheleni baya kuthweswa ngobomi obungunaphakade, I&M 66:12 (I&M 75:5). Bonke abo bafe ngaphandle kwevangeli ababengeyamkele ukuba bebephilile baziindlalifa zobukumkani beselestiyali, I&M 137:7–9. Umsebenzi kaThixo nozuko kukwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu, Moses 1:39. UThixo unika ubomi obungunaphakade kwabathobekileyo, Moses 5:11.