Uncedo lweZifundo
Mdala


Mdala

Igama umdala lisetyenziswa kwiindlela ezahlukahlukeneyo eBhayibhileni. KwiTestamente eNdala lisoloko libhekisa emadodeni amadala ngokumbi ezizweni, asoloko ephathiswe ngentembeko imicimbi yoburhulumente (Gen. 50:7; Yosh. 20:4; Rute 4:2; Mat. 15:2). Ubudala bawo nawava zenza amacebiso abo axabisekileyo. Isikhundla sawo sasingeyo-mfuneko yobizo lobubingeleli.

Kanjalo kwakukho abadala ababemiselwa kuBubingeleli bukaMelkitsedeke ngamaxesha eTestamente eNdala (Eks. 24:9–11). KwiTestament eNtsha, abadala bakhankanywa njengeofisi yobubingeleli eBandleni (Yak. 5:14–15). Phakathi kwamaNifayithi kanjalo kwakukho abadala ababemiselwa kububingeleli (Alma 4:7, 16; Moro. 3:1). Kweli xesha lokuzihlanganisela, uJoseph Smith no-Oliver Cowdery baba ngabadala bokuqala abamiselwayo (I&M 20:2–3).

UMdala ngoku ligama elinikwa bonke abangabaphathi boBubingeleli bukaMelkitsedeke. Umzekelo, abefundisi abangamadoda babizwa njengabadala. Kanjalo, uMpostile ngumdala, kwaye kufanelekile ukubiza amalungu eKhoram yabaLishumi elineSibini okanye iiKhoram zabangamaShumi aSixhenxe ngeli gama (I&M 20:38; Ⅰ Petr. 5:1). Imisebenzi yabadala abamiselweyo eBandleni namhlanje ithe yanikwa ngokwesityhilelo semihla yokugqibela (I&M 20:38–45; 42:44; 46:2; 107:12).