Obayo, Ukuba Ukuthabatha into ethile komnye ngokunganyanisekanga okanye ngokungekho mthethweni. INkosi soloko yayalela abantwana Bayo ekubeni bangebi (Eks. 20:15; Mat. 19:18; 2 Nif. 26:32; Moz. 13:22; I&M 59:6). Ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho amasela angagqobhozi nakuba ebe, Mat. 6:19–21. Ukoyiswa kwamaNifayithi kweza ngenxa yekretshi, ubutyebi, urhwaphilizo, ukuba, Hil. 4:12. Lowo ubayo aze angaguquki uya kuphoselwa ngaphandle, I&M 42:20. Abo babayo baya kukhululelwa emthethweni welizwe, I&M 42:84–85.