Mkhululi Khangela kanjalo Msindisi; Yesu Krestu UYesu Krestu nguMkhululi omkhulu woluntu ngenxa yokuba Yena, ngeNtlawulelo Yakhe, wahlawula ixabiso lezono zoluntu waza wenza kwenzeke uvuko lwabo bonke abantu. Ndiyazi ukuba umkhululi wam uyaphila, Yobhi 19:25. Ndiya kukunceda, utsho umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, Isaya 41:14 (Isaya 43:14; 48:17; 54:5; 59:20). Mna, iNkosi ndinguMsindisi wakho noMkhululi wakho, Isaya 49:26 (Isaya 60:16). Yithi igama lakhe nguYesu: kuba uya kusindisa abantu bakhe ezonweni zabo, Mat. 1:21. UNyana womntu weza ukuze anikele ngobomi bakhe njengokukhulula ngokuhlawulela abaninzi, Mat. 20:28 (â… Â Tim. 2:5–6). INkosi uThixo kaSirayeli ithe yabavelela yaza yabakhulula abantu bayo, Luka 1:68. Sixolelaniswe noThixo ngokufa koNyana wakhe, Rom. 5:10. UYesu Krestu wazinikela ngenxa yethu, ukuze abe nokusikhulula kubo bonke ubugwenxa, Tito 2:13–14. UYesu Krestu wasihlamba ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, Isityh. 1:5. Inkululeko iza ngaphakathi nangaye uMesiya oNgcwele, 2 Nif. 2:6–7, 26. UNyana wabuthabathela phezu kwakhe ubugwenxa babantu nezigqitho, wabakhulula, kwaye ezanelisile iimfuno zabulungisa, Moz. 15:6–9, 18–27. UKrestu weza kukhulula bonke abo babeya kubhaptizelwa enguqukweni, Alma 9:26–27. Uya kuza ehlabathini akhulule abantu bakhe, Alma 11:40–41. Inkululeko iza ngenguquko, Alma 42:13–26. UYesu Krestu weza kukhulula ihlabathi, Hil. 5:9–12. UKrestu wakhulula uluntu ekufeni ngokwasenyameni nangokwasemoyeni, Hil. 14:12–17. Inkululeko iza ngoKrestu, 3 Nif. 9:17. Ndinguye lowo owayelungiswe ukususela esisekweni sehlabathi ukukhulula abantu bam, Etere 3:14. INkosi uMkhululi yeva intlungu yokufa enyameni, I&M 18:11. UKrestu wanyamezelela bonke ukuba bayaguquka, I&M 19:1, 16–20. Abantwana abancinane bakhululwe ngoKuphela koZelweyo, I&M 29:46. Ndithume owam oKuphela koZelweyo uNyana ehlabathini ukuze ekhulule ihlabathi, I&M 49:5. UKrestu ulukhanyiselo noMkhululi wehlabathi, I&M 93:8–9. UJoseph F. Smith wafumana umbono wenkululeko yabafileyo, I&M 138. Sikholwa ukuba ngentlawulelo kaKrestu, lonke uluntu lunokusindiswa, V zoK 1:3.