Sibingelelo Khangela kanjalo Dini Isakhiwo esisetyenziselwa amadini, iminikelo, nonqulo. UNowa wakhela isibingelelo iNkosi waza wanikela iminikelo etshisiweyo, Gen. 8:20. UAbram wakhela isibingelelo iNkosi, Gen. 12:7–8. UAbraham wambophelela uIsake unyana wakhe esibingelelweni, Gen. 22:9 (Gen. 22:1–13). UYakobi wakha apho isibingelelo wathi indawo nguThixo waseBheteli, Gen. 35:6–7. UEliya wakha isibingelelo waza waphikisana nababingeleli bakaBhahali, â… Â OoKum. 18:17–40. Ukuba uzisa isipho sakho esibingelelweni, kuqala xolelana nomzalwana wakho, Mat. 5:23–24. Ndabona phantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babebulawelwe ilizwi likaThixo, Isityh. 6:9 (I&M 135:7). ULihayi wakha isibingelelo samatye waza wanika imibulelo eNkosini, 1 Nif. 2:7. UAbraham wasindiswa ekufeni kwisibingelelo sikaElikena, Abr. 1:8–20.