Kuziphendulela, Phendula, Yaziphendulela Khangela kanjalo Kuzikhethela INkosi ithe okokuba bonke abantu banoxanduva ngenxa yeentshukumo ezizezabo, izimvo, iminqweno, nezenzo. Ubudala bokuziphendulela bubudala apho abantwana bathatheka babenoxanduva ngezenzo zabo kwaye benako ukwenza isono nokuguquka. Ndiya kugweba wonke ubani ngokweendlela zakhe, Hez. 18:30. Baya kuphendula ngamazwi onke obuvila, Mat. 12:36. Nika ingxelo yobugosa bakho, Luka 16:2. Sonke ngabanye siya kuziphendulela kuThixo, Rom. 14:12. Abafileyo baya kugwetywa ngokwemisebenzi yabo, Isityh. 20:12. Amazwi ethu, imisebenzi, neengcinga ziya kusigweba, Alma 12:14. Singabagwebi abangabethu, nokokuba kukwenza ukulunga okanye ububi, Alma 41:7. Nivunyelwe ukuba nizenzele, Hil. 14:29–31. Le nto niya kuyifundisa—inguquko kwa nobhaptizo kwabo banakho ukuziphendulela, Moro. 8:10. Bonke bamele ukuguquka baze babhaptizwe abafikelele eminyakeni yokuziphendulela, I&M 18:42. USathana akanako ukuhenda abantwana abancinane, bade baqalise ukuba nokuziphendulela phambi kwam, I&M 29:46–47. Abantwana baya kubhaptizwa xa beneminyaka esibhozo ubudala, I&M 68:27. Wonke umntu uya kuphendulela ngezono ezizezakhe ngemini yomgwebo, I&M 101:78. Kunikiwe ebantwini ukwazi okulungileyo kokubi; ngako oko bazii-arhente eziqwini zabo, Moses 6:56. Abantu baya kohlwaywa ngenxa yezono ezizezabo, V zoK 1:2.