Mthetho wokungcwalisa, Ngcwalisa Khangela kanjalo Bukumkani bukaThixo okanye Bukumkani bamaZulu; Ucwangco olumanyeneyo Ukunikezela, ukwenza ngcwele, okanye ukulunga. Umthetho wokuzinikela ngumgaqo onyulu amadoda nabafazi abanikela ngawo ngokuzithandela ixesha labo, iitalente, nezinto zobutyebi ekumiseni nasekwakheni ubukumkani bukaThixo. Zinikeleni iziqu zenu namhla eNkosini, Eks. 32:29. Bonke ababekholwa babeneento zonke ngokufanayo, Izenzo 2:44–45. Babenezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo; ke ngoko kwakungekho zityebi namahlwempu, 4 Nif. 1:3. INkosi yacacisa imigaqo yokungcwalisa, I&M 42:30–39 (I&M 51:2–19; 58:35–36). Umntu omnye makangabi nezinto ezithe kratya kunezomnye, I&M 49:20. Wonke umntu wayenikwe isahlulo esilinganayo ngokunxulumene nosapho lwakhe, I&M 51:3. Ucwangco lwalumisiwe ukuze abaNgcwele babenokulingana kwizibophelelo zezulu nakwizinto zomhlaba, I&M 78:4–5. Wonke umntu wayenebango elilinganayo ngokunxulumene neemfuno neentswelo zakhe, I&M 82:17–19. IZiyon inako kuphela ukwakhiwa ngemigaqo yomthetho weselestiyali, I&M 105:5. Abantu bakaEnoki babentliziyo-nye nengqondo enye kwaye bahlala ebulungiseni, nalapho kwakungekho mahlwempu phakathi kwabo, Moses 7:18.