Gunya Khangela kanjalo Biza, Bizo, Bizwe nguThixo; Bubingeleli; Mandla; Misela, Ummiselo; Zitshixo zoBubingeleli Imvume yanikwa abantu emhlabeni babizwe okanye bamiselwe ukusebenza nokumela uThixo uYise okanye uYesu Krestu ekwenzeni umsebenzi kaThixo. Ndithumele wena, Eks. 3:12–15. Thetha konke endikuyalele kona, Eks. 7:2. Wanika abafundi abalishumi elinesibini igunya, Mat. 10:1. Asinini enanyula mna, kodwa ndim onanyulileyo, ndaze ndanimisela, Yoh. 15:16. UNifayi noLihayi bashumayela ngegunya elikhulu, Hil. 5:18. UNifayi, unyana ka Hilamani, wayeyindoda kaThixo, enamandla amakhulu negunya elivela kuThixo, Hil. 11:18 (3 Nif. 7:17). UYesu wanika amandla negunya amaNifayithi alishumi elinesibini, 3 Nif. 12:1–2. UJoseph Smith wabizwa nguThixo waza wammisela, I&M 20:2. Akukho namnye uya kushumayela ivangeli yam okanye akhe iBandla lam ngaphandle kokuba umiselwe kwaye uyaziwa eBandleni ukuba unegunya, I&M 42:11. Abadala bamele ukushumayela ivangeli, besenza ngegunya, I&M 68:8. UBubingeleli bukaMelkitsedeke bunegunya lokulungiselela izinto zasemoyeni, I&M 107:8, 18–19. Okwenziwa ligunya elinyulu kuba ngumthetho, I&M 128:9. Nabani na oshumayela okanye alungiselele uThixo umele abe ubizwe nguThixo ngabo baseagunyeni, V zoK 1:5.