Mhlolokazi Khangela kanjalo Ntlalo-ntle Ngumfazi ondoda yakhe ithe yafa kwaye engathanga atshate kwakhona. Inkedama nomhlolokazi baya kuza kwaye baya kudla, Dut. 14:29. Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose konke abenako, Marko 12:41–44. Velelani iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, Yak. 1:27. INkosi iya kuba lingqina elikhawulezayo ngokuchasene nabo bacinezela umhlolokazi, 3 Nif. 24:5 (Zek. 7:10). Abahlolokazi neenkedama baya kubonelelwa, I&M 83:6 (I&M 136:8).