Lizwi Khangela kanjalo Sityhilelo Njengoko lisetyenziswe kwizibhalo, ngamanye amaxesha ngumyalezo ovakalayo othethwe yiNkosi okanye izithunywa Zayo. Ilizwi loMoya kanjalo linokungavakali lize libhekiswe entliziyweni okanye engqondweni. UAdam noEva beva ilizwi leNkosi uThixo, Gen. 3:8 (Moses 4:14). INkosi yathetha noEliya ngelizwi elindilileyo elincinane, â… Â OoKum. 19:11–13. Amalungisa alandela ilizwi loMalusi oLungileyo, Yoh. 10:1–16. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam, Yoh. 18:37. Ndathobela ilizwi loMoya, 1 Nif. 4:6–18. Kwafika ilizwi kum, lisithi: Enoshe, izono zakho zixolelwe, Enoshe 1:5. Yayililizwi elizolileyo elithambe ngokugqibeleleyo laye lahlaba kwanakuwo ngqo umphefumlo, Hil. 5:29–33 (3 Nif. 11:3–7). Nokokuba kungelilizwi lam okanye ilizwi lezicaka zam, kuyafana, I&M 1:38. Nantoni na abaya kuyithetha xa beqhutywa nguMoya oyiNgcwele iya kuba lilizwi leNkosi, I&M 68:2–4. Yonke imiphefumlo ethobela ilizwi lam iya kubona ubuso bam ize yazi ukuba ndinguye, I&M 93:1.