Phulaphula Khangela kanjalo Ndlebe; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Ukuva nokuthobela ilizwi okanye iimfundiso zeNkosi. INkosi iya kuphakamisela phezulu umprofeti onjengoMoses kwaye abantu bamele ukumphulaphula, Dut. 18:15. Ukuphulaphula kulungile ngaphezu kwedini lamanqatha eenkunzi zeegusha, â… Â Sam. 15:20–23. Asibaphulaphulanga abakhonzi benkosi, abaprofeti, Dan. 9:6. Amalungisa aphulaphula amazwi abaprofeti akayi kutshabalala, 2 Nif. 26:8. Ukuba aninakuliphulaphula ilizwi lomalusi olungileyo, anizizo izimvu zakhe, Alma 5:38 (Hil. 7:18). Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, I&M 1:1. Abo baphulaphula ilizwi loMoya bakhanyiselwe kwaye beza kuBawo, I&M 84:46–47. Babecothile ekuphulaphuleni elizwi leNkosi; yacotha ekuphulaphuleni imithandazo yabo, I&M 101:7–9. Abo bangaphulaphuli imiyalelo bayohlwaywa, I&M 103:4 (Moses 4:4).