Sohlwayo esona sikhulu Khangela kanjalo Bulala Ukohlwaywa ngokufa ngokwaphula umthetho owenziweyo, kunxulumene ngokukodwa nesohlwayo sokubulala. Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, Gen. 9:6 (GJS, Gen. 9:12–13). Umbulali uya kubulawa ngokuqinisekileyo, Num. 35:16. Ababulali ababulala ngabom baya kufa, 2 Nif. 9:35. Wena ugwetyelwe ukufa ngokwasemthethweni, Alma 1:13–14. Lowo ubulalayo wayesohlwaywa ngokufa, Alma 1:18. Umthetho ufuna ubomi balowo ubuleleyo, Alma 34:12. Lowo ubulalayo uya kufa, I&M 42:19.