Nyamezela Khangela kanjalo Bunzima; Henda, Sihendo; Monde Ukuhlala uzinzile kwisibophelelo unyaniseke kwimiyalelo kaThixo nangona kukho isihendo, impikiso, nobunzima. Lowo unyamezela kude kuye esiphelweni uya kusindiswa, Mat. 10:22 (Marko 13:13). Abanangcambu baze banyamezele kodwa umzuzwana, Marko 4:17. Uthando lwenene lunyamezela zonke izinto, â… Â Kor. 13:7. Emva kokuba uAbraham wathi wanyamezela ngomonde, uzuze isithembiso, Heb. 6:15. Ukuba banyamezela kude kuye esiphelweni baya kuphakanyiselwa phezulu ngomhla wokugqibela, 1Â Nif. 13:37. Ukuba niya kuthobela kwimiyalelo, nize ninyamezele kude kube sekupheleni, niya kusindiswa, 1Â Nif. 22:31 (Alma 5:13). Ukuba niya kufunzela phambili, nizondla ngelizwi likaKrestu, nize ninyamezele kude kube sekupheleni, niya kufumana ubomi obungunaphakade, 2Â Nif. 31:20 (3Â Nif. 15:9; I&M 14:7). Nabani na othabathela phezu kwakhe igama lam, aze anyamezele, kude kube sekupheleni, uya kusindiswa, 3Â Nif. 27:6. Nabani na onyamezela okwebandla lam kude kube sekupheleni, lowo uya kuzinziswa phezu kolwalwa lwam, I&M 10:69. Lowo onyamezela elukholweni uya kuloyisa ihlabathi, I&M 63:20, 47. Zonke iitrone nobukhosi ziya kwenziwa zazeke phezu kwabo bonke abanyamezele ngokukhalipha ivangeli kaYesu Krestu, I&M 121:29.