Sono singaxolelwayo Khangela kanjalo Bulala; Moya oyiNgcwele; Nyelisa, Sinyeliso; Oonyana besihogo Isono sokuphika uMoya oyiNgcwele, isono esingenako ukuxolelwa. Isinyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele asiyi kuxolelwa ebantwini, Mat. 12:31–32 (Marko 3:29; Luka 12:10). Akunakwenzeka ukuba abo babenziwe abaxhamli boMoya oyiNgcwele babuye bahlaziyelwe enguqukweni, Heb. 6:4–6. Ukuba sona ngabom emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yesono, Heb. 10:26. Ukuba ukhanyela uMoya oyiNgcwele ube usazi ukuba uwukhanyele, esi sisono esingaxolelekiyo, Alma 39:5–6 (Yakobi 7:19). Babe ngenaluxolelo, ngokuba bekhanyele oKuphela koZelweyo uNyana, ekubeni bambethelelela bona emnqamlezweni, I&M 76:30–35. Isinyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele asiyi kuxolelwa, esiluchitho lwegazi elimsulwa emva kokuba nifumene umnqophiso wam omtsha nongunaphakade, I&M 132:26–27.