Kungakholwa Khangela kanjalo Kholwa, Nkolo Ukuswela ukholo kuThixo nevangeli Yakhe. Akenzanga misebenzi mininzi enamandlakazi khona apho ngenxa yokungakholwa kwabo, Mat. 13:58. Ngenxa yokungakholwa kwabo abafundi bakaYesu ababanga nako ukukhupha umtyholi, Mat. 17:14–21. Siza ususe ukungakholwa kwam, Marko 9:23–24. UYesu wakungcikiva ukungakholwa kwaBapostile bakhe nobulukhuni beentliziyo, Marko 16:14. Ukungakholwa kuya kuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo, Rom. 3:3. Kulungile ukuba kufe umntu omnye kunokuba isizwe sibe siya kuphelela kwaye sitshabalalele ekungakholweni, 1 Nif. 4:13. Lakufika ilixa lokuba baphelele ekungakholweni, uya kubenza basasazwe baze babethwe, 2 Nif. 1:10–11 (I&M 3:18). Ngenxa yokungakholwa kwabo babengenako ukuliqonda ilizwi likaThixo, Moz. 26:1–5. Ndandingenako ukuwabonisa kuwo amaYuda emikhulu kangako imimangaliso, ngenxa yokungakholwa kwawo, 3 Nif. 19:35. Iingqondo zenu kumaxesha adlulileyo bezenziwe mnyama ngenxa yokungakholwa, I&M 84:54–58.