Nina Khangela kanjalo Bazali; Eva; Sapho Igama elingcwele elibhekisa emfazini ozele okanye othathe abantwana ngokungathi ngabakhe. Amanina ancedisa kwicebo likaThixo ngokulungiselela abantwana bakaThixo ngokwasemoyeni imizimba enokufa. UAdam wathi igama lomfazi wakhe nguEva, kuba wayengunina wezinto zonke eziphilileyo, Gen. 3:20 (Moses 4:26). Beka uyihlo nonyoko, Eks. 20:12 (Efese 6:1–3; Moz. 13:20). Ungawulahli umthetho kanyoko, ImiZ. 1:8. Indoda esisiyatha idela unina, ImiZ. 15:20 (ImiZ. 10:1). Ungamdeli unyoko akuba mdala, ImiZ. 23:22. Abantwana bakhe nendoda yakhe basuka beze bathi usikelelekile nomyeni wakhe uyamdumisa, ImiZ. 31:28. Unina kaYesu wema ngasemnqamlezweni, Yoh. 19:25–27. Amawaka amabini amadoda okulwa amaLeymenayithi ayethe afundiswa ngoonina bawo, Alma 56:47 (Alma 57:21). UMama wethu ozukileyo uEva wayephakathi kwabakhulu kwabakhulu nabamandlakazi iNkosi eyabayalelayo kwilizwe lemimoya, I&M 138:38–39.