Felo-nkolo, Mfeli-nkolo Umntu onikela ngobomi bakhe kunokuba ashiye uKrestu, ivangeli, okanye iinkolo zakhe ezilungileyo okanye imigaqo. Lonke igazi elilungileyo ukususela kuAbheli kuye kuZekariya liya kunika ubungqina ngokuchasene nenkohlakalo, Mat. 23:35 (Luka 11:50). Nabani oya kulahlekelwa bubomi bakhe ngenxa kaKrestu nevangeli uya kubusindisa, Marko 8:35 (I&M 98:13). Kwaye bamxuluba ngamatye uStefano, Izenzo 7:59 (Izenzo 22:20). Apho ukhoyo umyolelo kumele kubekho ukufa komyoleli, Heb. 9:16–17. UAbhinadayi wawa, eve iintlungu zokufa ngomlilo, Moz. 17:20. Ama-Amonihayithi aguqulweyo aphoselwa emlilweni, Alma 14:8–11. Abaninzi babulawa ngenxa yokuba bangqina ngezi zinto, 3 Nif. 10:15. Lowo ububeka phantsi ubomi bakhe ngenxa yesizathu sam uya kufumana ubomi obungunaphakade, I&M 98:13–14. UJoseph Smith noHyrum Smith babengabafeli-nkolo bobuyiselo lwevangeli, I&M 135. UJoseph Smith watywina ubungqina bakhe ngegazi lakhe, I&M 136:39.