Nzolo Khangela kanjalo Loyiko; Mbeko Intlonipho enzulu yezinto ezingcwele; ummangaliso. INkosi yayalela uMoses akhulule iimbadada zakhe, kuba wayemi emhlabeni ongcwele, Eks. 3:4–5. UThixo umele ukoyikwa kwaye sibe naye ngenzolo, IiNd. 89:7. Khonza uThixo ngokwamkelekileyo ngenzolo nokoyika okuhlonelayo, Heb. 12:28. UMoronayi waqubuda emhlabeni, waza wathandaza ngamandlakazi, Alma 46:13. Isihlwele sawela emhlabeni saza sanqula uKrestu, 3 Nif. 11:12–19. Qubuda phantsi phambi kwam, I&M 5:24. Zonke izinto ziqubuda ngenzolo ethobekileyo phambi kwetrone kaThixo, I&M 76:93. Iingqondo zenu zithe zenziwa mnyama ngenxa yokuba nithathe lula izinto enizamkeleyo, I&M 84:54–57. Onke amadolo aya kuguqa zonke iilwimi ziya kuvuma, I&M 88:104. Ngenxa yokuhlonipha okanye ukuzolela igama leSiqu esiPhezu Konke, iBandla labiza obo bubingeleli emva koMelkitsedeke, I&M 107:4. Iintsikelelo ziya kuthululelwa phezu kwabo bazolela iNkosi endlwini yayo, I&M 109:21.