Uncedo lweZifundo
Asiriya


Asiriya

Ubukumkani bamandulo obo, kunye nabasukuzani babo balawula ubuninzi beengingqi zaseAram nasePalestina amaxesha amaninzi eTestamente eNdala. Nangona ama-Asiriya ayenamandla amakhulu ukususela phakathi kwinkulungwane ye-12 P.K. kude kuye ekupheleni kwenkulungwane ye-7 P.K., abazanga bakwazi ukwakha imo yopolitiko ezinzileyo. Balawula ngoloyiko, becumza iintshaba zabo ngomlilo nekrele okanye bezenza buthathaka ngokufundisa iinxenye zoluntu ezinkulu zisiwe kwezinye iindawo zobukumkani babo obuqulathe amanye amazwe. Abantu ababebekwe phantsi kolawulo lwase-Asiriya babesilwa njalo ngokuchasene nobukumkani. (Khangela Ⅱ OoKum. 18–19; Ⅱ IziKr. 32; Isaya 7:17–20; 10; 19; 37.)

Shicilela