Tywina, Tywino Khangela kanjalo Bubingeleli; Eliya; Mimiselo Ukwenza kusebenze emazulwini imimiselo eyenziwa ngegunya lobubingeleli emhlabeni. Imimiselo itywina xa ifumene imvume yoMoya oyiNgcwele weSithembiso, enguMoya oyiNgcwele. Nantonina oya kuyibopha emhlabeni iya kubotshwa emazulwini, Mat. 16:19 (Mat. 18:18; I&M 124:93; 132:46). Natywinwa ngaye uMoya oyiNgcwele weSithembiso, Efese 1:13. Ndikunika amandla, okokuba nantonina oya kuyitywina emhlabeni iya kutywinwa emazulwini, Hil. 10:7. Kubo amandla anikiwe okutywina kunye emhlabeni nasemazulwini, I&M 1:8. Abo basebuqaqawulini beselestiyali batywinwe ngoMoya oyiNgcwele weSithembiso, I&M 76:50–70. UEliya wanikela izitshixo zamandla okutywina ezandleni zikaJoseph Smith, I&M 110:13–16. Olu lutywino namandla okubopha, I&M 128:14. Ilizwi eliqiniseke ngakumbi lesiprofetho lithetha ukwazi okokuba oyedwa utywinelwe ebomini obungunaphakade, I&M 131:5. Yonke iminqophiso engatywinwanga ngoMoya oNgcwele weSithembiso iyaphela xa abantu befile, I&M 132:7. Umsebenzi omkhulu oza kwenziwa ezitempileni ubandakanya utywinelo lwabantwana ebazalini babo, I&M 138:47–48.