Bulala Khangela kanjalo Kayin; Sohlwayo esona sikhulu Ukubulala umntu ngabom nokungekho mthethweni. Ukubulala sisono esigwetywe ukususela ekuqalekeni kwamaxesha (Gen. 4:1–12; Moses 5:18–41). Nabanina ophalaza igazi lomntu liya kuchithwa ngumntu igazi lakhe, Gen. 9:6 (GJS, Gen. 9:12–13; Eks. 21:12; Alma 34:12). Uze ungabulali, Eks. 20:13 (Dut. 5:17; Mat. 5:21–22; Moz. 13:21; I&M 59:6). UYesu wathi, uze ungabulali, Mat. 19:18. Ababulali baya kuba nesabelo sabo ekufeni kwesibini, Isityh. 21:8. Ningababulali ezintliziyweni zenu, 1 Nif. 17:44. Yeha kumbulali obulala ngabom, 2 Nif. 9:35. UThixo uyalele ukuba abantu maze bangabulali, 2 Nif. 26:32. Ukubulala lisikizi eNkosini, Alma 39:5–6. Lowo ubulalayo akayi kufumana xolelo, I&M 42:18. Nawuphina umntu obulalayo uya kunikelwa emithethweni yelizwe, I&M 42:79.