Uncedo lweZifundo
Yobhi


Yobhi

KwiTestamente eNdala, yindoda elilungisa eyeva ubunzima beenkxwaleko ezinkulu kakhulu nangona wahlala ethembekile ekukholelweni kwakhe kuThixo. Ibali lakhe libaliswe kwincwadi kaYobhi.

Incwadi kaYobhi

Nangona incwadi ingokokuva ubunzima kukaYobhi, ayiphenduli ngokugqibeleleyo umbuzo wokuba kwakutheni uYobhi (okanye nawuphina ongomnye umntu) abe nokuva intlungu nokulahlekelwa lusapho lwakhe nezinto. Incwadi icacisa okokuba ukuba neenkxwaleko akuthethi ukuba bekuyimfuneko umntu abe wonile. INkosi inokusebenzisa inkxwaleko isenzela amava, uqeqesho, nomyalelo ngokunjalo ngenxa yesohlwayo (I&M 122).

Incwadi inako ukwahlulwa ibe ziinxenye ezine. Izahluko 1–2 ziyintshayelelo yebali. Izahluko 3–31 zibalisa uthotho lweengxoxo phakathi koYobhi nabahlobo abathathu. Izahluko 32–37 ziqulathe iintetho zikaElihu, umhlobo wesine, ogweba uYobhi ngezizathu ezingezizo izizathu zabahlobo abathathu bokuqala. Izahluko 38–42 ziqukumbela incwadi ngesiqinisekiso kuYobhi okokuba indlela yobomi bakhe ibiyelungileyo ukususela ekuqalekeni.

Incwadi kaYobhi ifundisa okokuba xa umntu enolwazi oluchanekileyo lukaThixo kwaye ephila ubomi obamkelekileyo kuThixo, uya kubanako ngokungcono ukunyamezela izilingo eziza phezu kwakhe. Ukholo olungasileliyo lukaYobhi luphawulwa ngezikhuzo ezinje “Nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye” (Yobhi 13:15). UYobhi kanjalo ukhankanyiwe kuHezekile 14:14; Yakobi 5:11; iMfundiso neMinqophiso 121:10.

Shicilela