Gqibelele Zele, yonke, nekhule ngokuzeleyo; lunge ngokupheleleyo. U-ugqibelele unako ukuthetha ngaphandle kwesono okanye ububi. NguKrestu kuphela owayegqibelele ngokupheleleyo. Abalandeli bakaKrestu banokugqibelela ngobabalo Lwakhe neNtlawulelo. Mayiphelele intliziyo yenu eNkosini, â… Â OoKum. 8:61. Yibani ke ngoko ngabagqibeleleyo, nanjengoYihlo osemazulwini, Mat. 5:48 (3 Nif. 12:48). Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, Yak. 3:2. Ukholo asikokuba nolwazi olugqibeleleyo lwezinto, Alma 32:21, 26. INtlawulelo yayenzelwe ukuze uThixo abe nokuba nguThixo ogqibeleleyo, Alma 42:15. UMoronayi wayeyindoda yokuqonda okugqibeleleyo, Alma 48:11–13, 17–18. UMoya kaKrestu unikwe wonke umntu agwebe kwaye azi nglwazi olugqibeleleyo ukuba enye into yekaThixo okanye umtyholi, Moro. 7:15–17. Yizani kuKrestu, nize nigqityeleliswe kuye, Moro. 10:32. Qhubekani ninomonde nide nigqityeleliswe, I&M 67:13. Abo ngabantu abalungileyo benziwa bagqibelela ngoYesu, I&M 76:69. Iofisi eBandleni zezokugqibelelisa abaNgcwele, I&M 124:143 (Efese 4:11–13). Abaphilileyo abagqibelelanga ngaphandle kwabafileyo babo, I&M 128:15, 18. UNowa wayeyindoda elungileyo, kwaye egqibelele kwisizukulwana sakhe, Moses 8:27.