Nqwenela Khangela kanjalo Mona/Khwele, Monela/Khweleta Njengoko isetyenzisiwe kwizibhalo, ukunqwenela kukumonela othile okanye ukuba nomnqweno ogqithileyo wento ethile. Uze unganqweneli, Eks. 20:17 (Dut. 5:21; Moz. 13:24; I&M 19:25). Lowo othiye ukunqwenela imihla yakhe iya kolulwa, ImiZ. 28:16. Banqwenela amasimi baza bawathabatha, Mika 2:2. Lumkelani ukunqwenela, Luka 12:15. Umthetho wathi, Uze ungaqweneli, Rom. 7:7. Ngemihla yokugqibela, abantu baya kunqwenela, Ⅱ Tim. 3:1–2. Xa uLabhan wabona izinto zethu, wazinqwenela, 1 Nif. 3:25. Nize ninganqweneli izinto ezizezenu, I&M 19:26. Yekani ukunqwenela, I&M 88:123. Musani ukunqwenela oko kukokomzalwana wenu, I&M 136:20.