Qonda Khangela kanjalo Bulumko; Lwazi; Nyaniso Ukuzuza ulwazi okanye ukuqwalasela intsingiselo yenyaniso ethile, kubandakanya indlela yokulusebenzisa yalo ebomini. Ungayami okwakho ukuqonda, ImiZ. 3:5. Ngako konke ukurhweba kwakho rhweba ingqondo, ImiZ. 4:7. UYesu wathetha ngemizekeliso kwaye abanye abaqondanga, Mat. 13:12–17. INkosi yavula ukuqonda kwabo, Luka 24:45. Ukuba aninako ukuwaqinda la mazwi, kuya kuba kungenxa yokuba anibuzi, 2 Nif. 32:4 (3 Nif. 17:3). Iimbali zazilondoloziwe ukuze sibe nokufunda kwaye siqonde, Moz. 1:2–5. Ngenxa yokungakholwa kwabo, babengenako ukuqonda ilizwi likaThixo, Moz. 26:3. Babengamadoda anengqiqo ephilileyo, Alma 17:2–3. Ilizwi liqalisa ukuyikhanyisa ingqiqo, Alma 32:28. Masiqondisane kunye ukuze nibe nokuqonda, I&M 50:10–12, 19–23. Abazali bamele ukufundisa abantwana babo ukuqonda, I&M 68:25. Imisebenzi neemfihlelo zikaThixo zinako kuphela ukuqondwa ngoMoya oyiNgcwele, I&M 76:114–116. USathana ufuna ukujika iintliziyo zabantu ekuqondeni, I&M 78:10. Ukhanyiso lukaKrestu luphilisa ukuqonda kwenu, I&M 88:11.