Kuba nombulelo, Kunika imibulelo, Mbulelo Khangela kanjalo Nqula; Ntsikelelo, Sikelela, Sikelelwe Umbulelo ngeentsikelelo ezifunyenwe kuThixo. Ukubonisa umbulelo kuyamkholisa uThixo, nokunqula okuyinyani kubandakanya ukubulela Yena. Simele ukunika imibulelo eNkosini ngenxa yezinto zonke. Yinto elungileyo ukunika imibulelo eNkosini, IiNd. 92:1. Yizani phambi kobuso bakhe ninombulelo, IiNd. 95:1–2. Bulelani kuye, nize nisikelele igama lakhe, IiNd. 100. Ningayeki ukunika imibulelo, Efese 1:15–16. Yibani nombulelo, Kol. 3:15. Intsikelelo, nozuko, nemibulelo, nembeko mazibe kuye uThixo wethu, Isityh. 7:12. Owu bekunokuba njani na ukuba beninokumbulela uKumkani wenu wasemazulwini, Moz. 2:19–21. Hlalani ninika imibulelo imihla ngemihla, Alma 34:38. Xa uvuka kusasa intliziyo yakho mayizale yimibulelo kuye uThixo, Alma 37:37. Nimele ukwenza izinto zonke ngomthandazo nangemibulelo, I&M 46:7. Nimele ukunika imibulelo kuThixo, I&M 46:32. Yenzani ezi zinto ngokunika imibulelo, I&M 59:15–21. Yamkelani le ntsikelelo evela esandleni seNkosi, ngentliziyo enombulelo, I&M 62:7. Lowo wamkela zonke izinto ngombulelo uya kwenziwa abe nozuko, I&M 78:19. Ezintweni zonke nika umbulelo, I&M 98:1 (â… Â Tes. 5:18). Dumisani iNkosi ngomthandazo wendumiso nokunika umbulelo, I&M 136:28.