Nqula Khangela kanjalo Thixo, Ntloko yoButhixo Uthando, inzolo, inkonzo, nokuzinikela kuThixo (I&M 20:19). Ukunqula kubandakanya umthandazo, inzila, inkqubo yenkonzo, ukuthabatha inxaxheba kwimimiselo yevangeli, nezinye izinto ezenziwayo ezibonakalisa ukuzinikela nokuthanda uThixo. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam, Eks. 20:3 (Eks. 32:1–8, 19–35; IiNd. 81:9). Nqulani uBawo ngomoya nangenyaniso, Yoh. 4:23. Mnquleni lowo wenza izulu nomhlaba, Isityh. 14:7 (I&M 133:38–39). Mnquleni ngamandlakazi enu onke, ingqondo, nokomelela, 2 Nif. 25:29. Bakholelwa kuKrestu kwaye bamnqula uYise egameni lakhe, Yakobi 4:5. UZenoshe wafundisa ukuba abantu bamele ukuthandaza baze banqule kuzo zonke iindawo, Alma 33:3–11. Mnquleni uThixo, nakuphi na indawo eninokuba kuyo, ngomoya nangenyaniso, Alma 34:38. Abantu bawa phantsi ezinyaweni zikaYesu baza bamnqula, 3 Nif. 11:17. Bonke abantu bamele ukuguquka, bakholwe kuYesu Krestu, baze banqule uYise egameni lakhe, I&M 20:29. Ndininika ezi ntetha okokuba nibe nokuqonda kwaye nazi ukuba ninganqula njani, kwaye nazi ukuba ninqula ntoni, I&M 93:19. Ngulo Thixo mnye kuphela endiya kumnqula, Moses 1:12–20. Sibanga ilungelo elilodwa lokunqula uThixo uSomandla, V zoK 1:11.