Yaromi
KwiNcwadi kaMormoni, ngunyana kaEnoshe nomzukulwana omkhulu kaLihayi. Wagcina iimbali zamaNifayithi iminyaka engamashumi amathandathu, 420–361 P.K. (Enoshe 1:25; Yaromi 1:13). Wayeyindoda ethembekileyo eyakhetha ukungabhali kakhulu ngakumbi kwimbali yezembali (Yaromi 1:2).
Incwadi kaYaromi
Kukho iivesi ezilishumi elinesihlanu kuphela kule ncwadi kwiNcwadi kaMormoni. UYaromi wabhala okokuba amaNifayithi aqhubekeka ukuphila imithetho kaMoses aze ajonga phambili ekuzeni kukaKrestu. Ayekhokelwa ziikumkani ezazingamadoda anamandlakazi okholo. Aphumelela njengoko ayephulaphula abaprofeti bawo, ababingeleli, neetishala.