Henda, Sihendo Khangela kanjalo Kuzikhethela; Mtyholi; Nyamezela Uvavanyo lokubanako komntu ukukhetha okulungileyo endaweni yokubi; ukulukuhlelwa esonweni nasekulandeleni uSathana endaweni kaThixo. Ungasingenisi ekuhendweni, sihlangule ebubini, Mat. 6:13 (3 Nif. 13:12). UThixo akayi kuniyekela ekubeni nihendwe ngaphezu kokuba ninako ukuthwala, â… Â Kor. 10:13. UKrestu wahendwa njengokuba sisenziwa, Heb. 4:14–15. Isikelelekile indoda ekunyamezelayo ukuhendwa, Yak. 1:12–14. Izihendo zotshaba azinako ukongamela abo baphulaphula ilizwi likaThixo, 1 Nif. 15:24 (Hil. 5:12). Umntu wayengenako ukuzenzela ngaphandle kokuba wayelukuhlwe ngomnye okanye othile, 2 Nif. 2:11–16. Lindani nithandaza ningayeki, ukuze ningabi nakuhendwa ngaphezu koko ninako ukukuthwala, Alma 13:28. Bafundise ukumelana naso sonke isihendo somtyholi, ngokholo lwabo kuyo iNkosi uYesu Krestu, Alma 37:33. Thandazani rhoqo hleze ningene ekuhendweni, 3 Nif. 18:15, 18 (I&M 20:33; 31:12; 61:39). Lumkela ikratshi, hleze ungene ekuhendweni, I&M 23:1. UAdam waba phantsi kwentando yomtyholi ngenxa yokuba wayekela esihendweni, I&M 29:39–40. Ndandishiyelwe kuzo zonke iintlobo zezihendo, M—JS 1:28.