Mesiya
Igama elibunjiweyo lesiAramu nesiHebhere elithetha “mthanjiswa.” KwiTestamente eNtsha uYesu ubizwa Krestu, elisisiGrike elilingana noMesiya. Lithetha othanjisiweyo uMprofeti, uMbingeleli, uKumkani, noMhlanguli okuza kwakhe amaYuda ayekulindele ngolangazelelo.
AmaYuda amaninzi ayejonge kuphela umhlanguli emandleni amaRoma nasekuphumeleleni okukhulu ngakumbi kwesizwe; ngokunjalo, xa uMesiya wezayo, iinkokeli nabanye abaninzi, abazange Yena bamamkele. Ngabathobekileyo kuphela nabathembekileyo abanako ukububona kuYesu waseNazarete ubuKrestu obuyinene (Isaya 53; Mat. 16:16; Yoh. 4:25–26).