Amehlo, Liso Kwizibhalo, iliso lisoloko lisetyenziswa njengomqondiso wokuba nako komntu ukufumana ukukhanya kukaThixo. Ngokomqondiso, iliso lomntu libonisa imeko ngokwasemoyeni nokuqonda izinto zikaThixo. Imiyalelo yeNkosi inyulu, ikhanyisela amehlo, IiNd. 19:8. Izidenge zinamehlo kodwa aziboni, Yer. 5:21 (Marko 8:18). Isibane somzimba liliso, Mat. 6:22 (Luka 11:34; 3 Nif. 13:22; I&M 88:67). Anethamsanqa amehlo enu ngokuba ebona, Mat. 13:16. Amehlo eengqondo zenu aya kukhanyiselwa, Efese 1:17–18. Yeha kwabalumkileyo kwawabo amehlo, 2 Nif. 15:21 (Isaya 5:21). Baqalisa ukuzila nokuthandaza ukuze amehlo abantu abe nokuvuleka, Moz. 27:22. USathana waye wamfamekisa amehlo abo, 3 Nif. 2:2. Akukho bani onokuba namandla okuyizisa ngaphambili iNcwadi kaMormoni ngaphandle kokuba kungeliso elingenakumbi likuzuko lukaThixo, Morm. 8:15. Ngamandla oMoya amehlo ethu avuleka nokuqonda kwethu kwakhanyiselwa, I&M 76:12. Ukhanyiselo lungaye lowo ukhanyisela amehlo enu, I&M 88:11. Ukuba iliso lenu alinangakumbi eluzukweni lwam, imizimba yenu iphela iya kuzaliswa kukukhanya, I&M 88:67.