KwabaseKorinte, Iincwadi eziya
Iincwadi ezimbini kwiTestamente eNtsha. Yayiziincwadi ekuqaleni uPawulos awazibhalela abaNgcwele eKorinte ukulungisa isiphithiphithi phakathi kwawo. AmaKorinte ayehlala kuluntu olwalukhohlakele ekuziphatheni kwawo.
AmaKorinte okuqala
Isahluko 1 siqulathe imibuliso kaPawulos neziyalo kwabaNgcwele ekubeni bamanyane. Izahluko 2–6 zizilungiso zikaPawulos zeziphoso zabaNgcwele baseKorinte. Izahluko 7–12 ziqulathe iimpendulo zikaPawulos kwimibuzo ethile. Izahluko 13–15 zijongise kuthando lwenene, izipho zomoya, noVuko. Isahluko 16 siqulathe icebiso likaPawulos ekumeni ngokomelela elukholweni.
AmaKorinte esibini
Isahluko 1 siqulathe imibuliso kaPawulos nomyalezo wentuthuzelo. Isahluko 2 siqulathe icebo lobuqu bukaTito. Izahluko 3–7 zisebenzana namandla evangeli kubomi babaNgcwele neenkokeli zabo. Izahluko 8–9 zicebisa abaNgcwele babe ngabaphi abachwayitileyo emahlwempini. Izahluko 10–12 zibanga amagunya esikhundla sikaPawulos njengo-Mpostile. Isahluko 13 sisiluleko ekugqibeleleni.