Bomi Khangela kanjalo Bomi obungunaphakade; Khanyiso, Khanyiso lukaKrestu Ubukho ngokwasenyameni nangokwasemoyeni benziwa benzeka ngamandla kaThixo. Ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, Dut. 30:15–20. Uya kundazisa umendo wobomi, IiNd. 16:11. Ophuthuma ubulungisa wofumana ubomi, ImiZ. 21:21. Lowo ubufumeneyo ubomi bakhe, uya kulahlekelwa bubo: nalowo ubulahlileyo ubomi bakhe ngenxa yam uya kubufumana, Mat. 10:39 (Mat. 16:25; Marko 8:35; Luka 9:24; 17:33). Unyana woMntu akaze kutshabalalisa ubomi babantu, kodwa uze kubasindisa, Luka 9:56. Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi bulukhanyiselo lwabantu, Yoh. 1:4. Lowo ukholwayo ngulowo wandithumayo uphume ekufeni wangena ubomi, Yoh. 5:24. Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi, Yoh. 14:6. Ukuba singabathembele kuKrestu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana, â… Â Kor. 15:19–22. Ukuhlonela uThixo kunesithembiso sobomi obukhoyo ngoku, nesobo busezayo, â… Â Tim. 4:8. Abantwana bethu banokujonga kobo bomi bukuye uKrestu, 2 Nif. 25:23–27. Obu bomi lilixa lokuba abantu bazilungiselele ukuhlangana noThixo, Alma 34:32 (Alma 12:24). Ndikukukhanya nobomi behlabathi, 3 Nif. 9:18 (Moz. 16:9; 3 Nif. 11:11; Etere 4:12). Banoyolo abo bathembekileyo, nokuba kusebomini okanye ekufeni, I&M 50:5. Obu bubomi obungunaphakade—ukwazi uThixo noYesu Krestu, I&M 132:24. Lo ngumsebenzi wam nobuqaqawuli bam—ekwenzeni kwenzeke ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu, Moses 1:39.