Bhishophu Khangela kanjalo Bubingeleli buka-Aron Buthetha “umongameli”, weofisi okanye isikhundla soxanduva. UBhishophu yiofisi emiselweyo kuBubingeleli buka-Aron (I&M 20:67; 107:87–88), yaye ubhishophu ngumgwebi oqhelekileyo kwaSirayeli (I&M 107:72, 74). UMoya oyiNgcwele unenze abaveleli, Izenzo 20:28. Iinkcukacha zoobhishophu zibekiwe ngaphambili, Ⅰ Tim. 3:1–7 (Tito 1:7). Ubhishophu umele ukumiselwa, I&M 20:67. UEdward Partridge wayeza kusebenza njengobhishophu eBandleni, I&M 41:9. Ubhishophu uza kunakana izipho zomoya, I&M 46:27, 29. Umbingeleli omkhulu unokuphatha kwiofisi kabhishophu, I&M 68:14, 19 (I&M 107:17). Ubhishophu wanyulwe yiNkosi, I&M 72. Ubhishophu umele ukukhathalela amahlwempu, I&M 84:112. Ubhishophu umele ukulungiselela zonke izinto zelizwe, I&M 107:68. Ubhishophu ngumongameli woBubingeleli buka-Aron, I&M 107:87–88.