Uncedo lweZifundo
Yohane, unyana kaZebhedi


Yohane, unyana kaZebhedi

Omnye waBapostile abaLishumi elineSibini kwiTestamente eNtsha, unyana kaZebhedi, nomntakwabo Yakobi. Kubomi bakhe basekuqaleni wayengumlobi weentlanzi (Marko 1:17–20). Mhlawumbi ungumfundi ongenagama kaYohane uMbhaptizi okhankanywe kuYohane 1:40. Kamva wafumana ubizo lokuba ngumfundi kaYesu Krestu (Mat. 4:21–22; Luka 5:1–11). Wabhala iVangeli kaYohane, iincwadi ezintathu, nencwadi yeSityhilelo. Wayengomnye wabathathu ababekunye neNkosi ekuvusweni kwentombi kaYayiro (Marko 5:35–42), eNtabeni yoKwenziwa kuMila Kumbi (Mat. 17:1–9), naseGetsemane (Mat. 26:36–46). Kwimibhalo eyiyeyakhe ubhekisa kuye njengomfundi obethandwa nguYesu (Yoh. 13:23; 21:20) nanje “ngomnye umfundi” (Yoh. 20:2–8). UYesu kanjalo yena nomntakwabo wabathiya ngooBhowanerges, “oonyana bendudumo” (Marko 3:17). Kukho izalathiso ezifumaneka kaninzi kuye kwiingxelo zoKubethelelwa eMnqamlezweni noVuko (Luka 22:8; Yoh. 18:15; 19:26–27; 20:2–8; 21:1–2). Yohane kamva washenxiselwa ePatmos, apho wabhala incwadi yeSityhilelo (Isityh. 1:9).

UYohane ukhankanywe kaninzi kwisityhilelo semihla yokugqibela (1 Nif. 14:18–27; 3 Nif. 28:6; Etere 4:16; I&M 7; 27:12; 61:14; 77; 88:141). Le mihlathi iqinisekisa imbali yebhayibhile kaYohane kananjalo inika ingqiqo kubukhulu bakhe nokubaluleka komsebenzi iNkosi ethe yamnika ukuba awenze emhlabeni ngamaxesha eTestamente eNtsha nangemihla yokugqibela. Izibhalo zemihla yokugqibela zicacisa ukuba uYohane akazange afe kodwa wavunyelwa ukuba ahlale emhlabeni njengesicaka esilungiselelayo kude kube lixesha lokuBuya kweSibini kweNkosi (Yoh. 21:20–23; 3 Nif. 28:6–7; I&M 7).

Iincwadi zikaYohane

Nangona umbhali wezincwadi zintathu engazikhankanyi ngegama, ulwimi lufana ngokumandla nolo lukaYohane uMpostile ekuqikelelwa ekubeni uzibhale zonke zontathu.

Ⅰ kaYohane 1 uyala abaNgcwele bazuze ubudlelwane noThixo. Isahluko 2 sicinezela ukuba abaNgcwele bamazi uThixo ngentobeko kwaye ubayalela ekubeni bangathandi ihlabathi. Isahluko 3 sibiza bonke babe ngabantwana bakaThixo nokuthanda omnye nomnye. Isahluko 4 sichaza ukuba uThixo uluthando kwaye uhlala kwabo bamthandayo Yena. Isahluko 5 sichaza okokuba abaNgcwele bazelwe nguThixo ngokukholelwa kuKrestu.

Ⅱ Yohane uyafana no Ⅰ Yohane. Kuyo uYohane uyagcoba ngenxa yokuthembeka kwabantwana “benenekazi elonyuliweyo.”

Ⅲ Yohane uncoma umntu ekuthiwa nguGayo ngenxa yokuthembeka kwakhe nokunceda kwabo bathanda inyaniso.

IVangeli kaYohane

Kule ncwadi yeTestamente eNtsha, uYohane uMpostile ungqina ukuba (1) uYesu unguKrestu okanye uMesiya kwaye (2) uYesu unguNyana kaThixo (Yoh. 20:31). Imibhalo yezehlo evela ebomini bukaYesu ayichazayo ikhethwe ngocoselelo yaza yalungelelaniswa ngombono wale njengo. Incwadi iqala ngengxelo yewonga likaKrestu ekuphileni kubomi bangaphambili: Yena wayekunye noThixo, Yena wayenguThixo, kwaye Yena engumdali wezinto zonke. Wayezalelwe enyameni njengoKuphela koZelweyo kaYise. UYohane ulandela indlela yobufundisi bukaYesu, ecinezela kakhulu ubunyulu Bakhe novuko Lwakhe kwelabafileyo. Uqinisekisa ngokucacileyo ukuba uYesu unguNyana kaThixo, engqinwa ngemimangaliso, ngamangqina, ngabaprofeti, nangelizwi likaKrestu kanye. UYohane ufundisa ngokuthelekisa ukukhanya nobumnyama, inyaniso nempazamo, ukulunga nobubi, uThixo nomtyholi. Mhlawumbi akukho enye imbali ubungcwele bukaYesu nokungathembeki kwabalawuli abangamaYuda okubhengezwe ngokucace kanje.

UYohane wabhala kakhulu ngobufundisi bukaKrestu kwaYuda, ingakumbi iveki yokugqibela yobufundisi Bakhe basemzimbeni onokufa, nangona uMateyu, uMarko, noLuka bebhale kakhulu ngobufundisi eGalili. Bakhe Izinto ezahlukaneyo ezivela kule Vangeli zithe zacaciswa sisityhilelo semihla yokugqibela (I&M 7 no I&M 88:138–141).

Uhuhlu lweziganeko kubomi boMsindisi oluchazwe kwiVangeli kaYohane, khangela kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.

Incwadi yeSityhilelo