Uncedo lweZifundo
Samuweli, umprofeti weTestamente eNdala


Samuweli, umprofeti weTestamente eNdala

Ngunyana kaElikana noHana, uSamuweli wazalwa ngempendulo yomthandazo kanina (Ⅰ Sam. 1). Njengomntwana wabekwa elugcinweni lukaEli, umbingeleli omkhulu emnqubeni eShilo (Ⅰ Sam. 2:11; 3:1). INkosi yambiza uSamuweli ekwiminyaka elula ukuba abe ngumprofeti (Ⅰ Sam. 3). Emva kokufa kukaEli, uSamuweli waba ngumprofeti omkhulu nomgwebi wakwaSirayeli kwaye wabuyisela umthetho, ucwangco, nonqulo lwesiqhelo lwenkolo elizweni (Ⅰ Sam. 4:15–18; 7:3–17).

Ⅰ Sam. 28:5–20 siqulathe ingxelo kaSamuweli ebuyiselwe emva ukusuka ekufeni ngegqirha lase-Endore ngesicelo sikaKumkani uSawule. Oku kwakungenakuba yayingumbono ovela kuThixo, ngenxa yegqirha okanye enye indlela ngokwasemoyeni ayinako ukuphembelela umprofeti abonakale ngesicelo sakhe.

Iincwadi ye â…  neye â…¡ zikaSamuweli

Kwezinye iiBhayibhile, iincwadi ye Ⅰ neye Ⅱ Samuweli ziyincwadi enye. Kwezinye ziziincwadi ezimbini. Iincwadi zihamba ithuba leminyaka emalungu ne-130, ukususela ekuzalweni kukaSamuweli kude kube kanye phambi kokufa kukaKumkani uDavide.

Incwadi yo Ⅰ kaSamuweli

Izahluko 1–3 zichaza okokuba iNkosi yabaqalekisa yaza yalohlwaya uzapho lukaEli yaza-yabiza uSamuweli njengombingeleli omkhulu nomgwebi. Izahluko 4–6 zibalisa ukuba yawela njani ityeya yomnqophiso ezandleni zamaFilisti. Izahluko 7–8 zibalisa ngezilumkiso zikaSamuweli ngokuba noothixo ababubuxoki nokumkani okhohlakeleyo. Izahluko 9–15 zichaza ngokuthweswa isithsaba kukaSawule nolawulo lwakhe njengokumkani. Izahluko 16–31 zibalisa imbali kaDavide nangokuzuza kwakhe amandla—USamuweli wathambisa uDavide owabulala uGoliyati. USawule wamthiya uDavide, kodwa uDavide wala ukubulala uSawule nangona wayenethuba lokwenza oko.

Incwadi ye Ⅱ kaSamuweli

Incwadi iqulathe iinkcukacha zolawulo lukaDavide njengokumkani wakwaYuda waza ekugqibeleni wangowakwaSirayeli. Izahluko 1–4 zibonisa ukuzamazama okude phakathi kwabalandeli bakaDavide, emva kokuba wathweswa isithsaba nguYuda, nabalandeli bakaSawule. Izahluko 5–10 zibonisa uDavide eba namandla kuwo onke amazwe amaninzi. Izahluko 11–21 zibonisa ukuphela kokomelela kukaDavide ngokwasemoyeni ngenxa yezono zakhe novukelo ngaphakathi kusapho lwakhe. Izahluko 22–24 zichaza ukulinga kukaDavide ukwenza uxolelwaniso neNkosi.