Cowdery, Oliver Umdala wesibini weBandla elibuyiselweyo nongomnye waMangqina amaThathu kwisiqalo esinyulu nokuthembeka kweNcwadi kaMormoni. Wasebenza njengonobhala xa uJoseph Smith wayeguqulela iNcwadi kaMormoni ukusuka emacwecweni egolide (M—JS 1:66–68). Wafumana ubungqina benyaniso boguqulelo lweNcwadi kaMormoni, I&M 6:17, 22–24. Wamiselwa nguYohane uMbhaptizi, I&M 13 (I&M 27:8; M—JS 1:68–73, khangela isaziso kwivesi yama-71). Emva kokuba nifumene ukholo kwaye niwabonile ngamehlo enu, niya kunika ubungqina ukuba niwabonile, I&M 17:3, 5. Ndibona kalise kuwe, ngoMoya wam, okokuba izinto othe wazibhala ziyinyani, I&M 18:2. Wonyulwa ndaza ndamisela wangomnye wamagosa phezu kwezityhilelo, I&M 70:3. Wafumana izitshixo zobubingeleli kunye noJoseph Smith, I&M 110.