Ofisi Khangela kanjalo Bubingeleli; Misela, Ummiselo Isikhundla segunya okanye somsebenzi embuthweni, kusoloko kusetyenziswa kwizibhalo ukuthetha isikhundla segunya lobubingeleli; kunokuthethwa imisebenzi eyabelwe isikhundla okanye umntu ophethe isikhundla. Onke amalungu aneofisi efanayo, Rom. 12:4. Sayikhulisela iofisi yethu ngokwenene eNkosini, Yakobi 1:19. UMelkitsedeke wafumana iofisi yobubingeleli obukhulu, Alma 13:18. Iofisi yobufundisi beengelosi kukubizela abantu kwinguquko, Moro. 7:31. Akukho mntu makamiselwe nakweyiphina iofisi kweli Bandla ngaphandle kwevoti yelo Bandla, I&M 20:65. Vumelani wonke umntu eme eofisini eyiyeyakhe, I&M 84:109. Kukho oomongameli, okanye amagosa awongamelayo, onyulwa phakathi kwabo bamiselwe kwiiofisi kobu bubingeleli bubini, I&M 107:21. Imisebenzi yabo bongamela phezu kweeofisi zeekhoram zobubingeleli ichazwe, I&M 107:85–98. Vumelani wonke umntu afunde umsebenzi wakhe, aze asebenze kwiofisi onyulelwe kuyo, I&M 107:99–100. Ngoku ndininika amagosa aseBubingelelini bam, I&M 124:123.