Kumiselwa kwangaphambili Khangela kanjalo Bomi bangaphambili Ukumiselwa kubomi obungaphambili nguThixo kwabantwana Bakhe abakhaliphileyo basemoyeni ekuzalisekiseni imisebenzi ethile ngethuba lobomi babo obunokufa. UThixo ubamisela imida abantu, Dut. 32:8. Ndingekakubumbi embilinini ndakumisa waba ngumprofeti, Yer. 1:5. UThixo wamisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, Izenzo 17:26. Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, kanjalo wabamisela ngenxa engaphambili, Rom. 8:28–30. Wasinyulela kuye ngaphambili kokusekwa kwehlabathi, Efese 1:3–4. UYesu Krestu wayemiselwe ngaphambili ekubeni nguMkhululi, â… Â Petr. 1:19–20 (Isityh. 13:8). Babebizwe kwaye balungiswa ukususela kwisiseko sehlabathi, Alma 13:1–9. Ndaqaphela ababekekileyo nabakhulu ababekhethwe ekuqalekeni, I&M 138:55–56. UNyana wam oyiNtanda wayekhethwe kwasekuqalekeni, Moses 4:2. UAbraham wayekhethwe phambi kokuba azalwe, Abr. 3:23.